Iivesi zeBhayibhile malunga nokukhuselwa
- Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.
- Wena uyinqaba endizifihla kuyo;
uyandikhusela xa ndisebunzimeni.
Undirhangqe ngosindiso lwakho;
ngoko ke ndimemelela ndinemincili. - UThixo ulihlathi nenqaba yethu;
ngexesha leenkathazo uluncedo oluhlala lulungile. - Qinani nikhaliphe, ningaxhali, ningabi nayo nedyudyu. Kaloku uNdikhoyo uThixo wenu ungakuni; soze arhoxe okanye anilahle.
- Masitsho singenadyudyu ke sithi:
“YiNkosi umncedi wam, andiyi koyika nto!
Angandenza ntoni umntu?” - “Nezo zixhobo zixonxwe ngenxa yakho soze zikutshabalalise,
uya kumphendula nabani na okumangalelayo.
Lilo ke elo ilifa lezicaka zikaNdikhoyo;
ewe, mna ndozithi jize ngoloyiso.”
Etshilo nje ke uNdikhoyo utshilo! - Ndikhoyo, undinike ikhaka lokuhlanganisa,
wandixhasa ngesandla sakho esinamandla;
undibonelele ndatsho ndazimaseka.
Undimise endaweni ephangaleleyo;
azinakutyibilika kuyo iinyawo zam. - Ndikhusele kaloku, Thixo;
ndithembele ngawe. - Zolani nina; uNdikhoyo uza kunilwela!
- Andinadyudyu, kuba uNdikhoyo ungakum;
okokwakhe yena umntu akanakundenza nto konke. - Wena ulikhaka nekhusi lam;
ndiqamele ngelizwi lakho. - Ndinako ukumelana nayo nayiphi na imeko ngenxa yamandla alowo undomelezayo.
- Noda niguge nibe ziingwevu
mna ndisengulowo unixhasayo.
Nenziwa ndim, ngoko ke ndonisingatha;
ewe, ndonigcina ndinihlangule. - Hayi bo, zigqibelele izinto azenzayo lo Thixo!
Hayi ukuthembeka kwelizwi lakhe!
Uyabakhusela bonke abo bathembela ngaye. - Kodwa ke mna ndiya kucula ndibonga amandla akho;
ndiya kumemelela kwasekuseni,
kuba uthando lwakho luyamangalisa.
Kaloku wena uyinqaba yam,
ungumqolomba ngomhla wembandezelo. - Eyona nto emawuyilondoloze ngaphezu kwazo zonke ezinye yintliziyo yakho,
kuba yona ingumthombo wobomi. - Akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,
kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe. - Masithini na ke ngezi zinto? Ukuba uThixo ungakuthi ngubani onokusichasa?
- Kambe ke, wena Ndikhoyo, ulikhaka lam.
Usisidima sam; undenza ndibe neqhayiya. - Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;
ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto. - Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini?
- Into ebhetele kukuzimela ngoNdikhoyo,
kunokuba uthembele ngomntu. - Yonke into ayithethayo uThixo ithembekile;
ulikhaka kwabazimela ngaye. - UNdikhoyo ngumqolomba:
bazimela kuye abalungisayo, basinde. - NguNdikhoyo yedwa uThixo;
nguye kuphela osikhuselayo.
Izihloko ezinxulumeneyo
Ukhuseleko
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ukuthembeka
Ithembekile yona kambe iNkosi...
Ubulungisa
Umntu oxunela ubulungisa nenceba...
Ububi
Musa ukoyiswa bububi; boyise...
Thembela
Kholosa ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho...
ILizwi likaThixo
Ilizwi likaThixo liyaphila, liyasebenza...
Ivesi yeBhayibhile yosuku
Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.
Amazwi am makangacimi emehlweni akho,
koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho.
Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:
Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakhoIvesi yeBhayibhile engaqhelekanga
Khawuvuke! Vuka, Jerusalem!Khanya! Ukhanyiso lwakho luthwasile;
isihomo sikaNdikhoyo sikujikelezile.Ivesi elandelayo!