DailyVerses.netIzihlokoIvesi elingokungenamkhetheBhalisa

UMIKA

  • Kodwa nguwuphi uThixo onjengawe?
    Nguwuphi oxolela ubugwenxa,
    angazihoyi iziphoso zamasalela elifa lakhe?
    Wena akuhlali uqumbile ngonaphakade;
    kaloku uyimvuze-mvuze bububele.
  • Kambe ke mna ndijonge kuNdikhoyo;
    ewe, ndikholosa ngoThixo olusindiso lwam.
    UThixo wam yena uya kundiva.
  • Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –
    nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:
    kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,
    uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho.
  • Nangoku wobuya uvelane nathi,
    izono zethu uzinyathele ngeenyawo,
    uzilahle lee iziphoso zethu,
    uzintywilisele enzulwini yolwandle.
  • Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata,
    udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda,
    kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisa
    lowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli,
    omveli yakhe isukela kwamandulo,
    kwimihla yasephakadeni.

Ivesi yeBhayibhile yosuku

Ke wena, mfo wam, wagqale amazwi am,
uyibazele iindlebe into endikuxelela yona.
Amazwi am makangacimi emehlweni akho,
koko wamilisele phakathi entliziyweni yakho.

Fumana ivesi yeBhayibhile yosuku:

Isaziso semihla ngemihlaI-imeyileFacebookAndroid-appKwiwebhusayithi yakho

Ivesi yeBhayibhile engaqhelekanga

Kaloku unako uThixo ukunipha nangaphezu kweemfuneko zenu, ukuze nisoloko nanele kwiimeko zonke, nibe nako ukuhlangabezana nayo yonke imisebenzi emihle.Ivesi elandelayo!

I Support DailyVerses.net

Ndincede mna ndisasaze iLizwi likaThixo:
Nikela